Page 57
Ndingumtwana Kathix’
Ndingumtwana Kathix’
1. Ndingumtwana kaThix’,
Undithume apha,
Undinike ’ndlu emhlaba
Nabazal’ nenceba.
Tshala, Nceda, Kundikhapha,
Khokhel’ indlela.
Ndifundise ndimthobel’
Ndimbone kwaphinda.
2. Ndingumtwana kaThix’,
Ndifuna kakhulu;
Undincede ndive ’mazwi
Mavela kwizulu.
Tshala, Nceda, Kundikhapha,
Khokhel’ indlela.
Ndifundise ndimthobel’
Ndimbone kwaphinda.
3. Ndingumtwana kaThix’,
Undisikilela;
Undiba ndiyamthobela
Ndiyakugoduka.
Tshala, Nceda, Kundikhapha,
Khokhel’ indlela.
Ndifundise ndimthobel’
Ndimbone kwaphinda.