Page 40
Ubawo Wam
Ubawo Wam
1. UBawo wam ophezulu,
Ndizaku goduka na?
Ndibone ubuso bakho?
Ndibuyele ekhaya?
Umoya wam ebehleli
Kwikhaya elincwele?
Undondlile ndingumoya?
Ndingumtwana cangkuwe?
2. Undibeile ’mhlabeni,
Ugqhumile ingqondo,
Ndingakhumbuli ’phambile
Kokuzalwa nehlobo:
Kodwa ngamanye ’maxhesha,
Ilizwi lisebeza,
Lithi “uyindwendwe apha.”
Kufezekile ’khaya.
3. Ndifunde ukukubiza,
Ndithi uBawo wami;
Ndifundisiwe ngumoya,
Kodwa ’ndingekayazi:
De inyaniso ’buyiswe.
Abazali babodwa?
Phezulu akukho njalo:
’Nyani kukho uNina.
4. Xa ndifa ndishiye ’bomi,
Umzimba emncwabeni;
Bawo, Nina, ndingeza na?
Kwikha ya ezulwini?
Xa ndigqhibe umsebenzi
Walapha emhlabeni;
Kandivumele nobabin’
Ndizo kuhlala nani.