Page 28
Umoya Kathixo Uyasitshisa!
Umoya Kathixo Uyasitshisa!
1. UMoya kaThixo uyasitshiya!Uzuko wemini zaseMva ukho;Imibono zakudala ziyabuya.Izithunwa ziyafika nesipho.
Siyakucula siyakuduma sithi,Hosanna, Hosanna kuThix’ neNkosi!Ma sibazukise basemazulwiniOngunaphakade; Amen ameni.
2. INkos’ uvul’ iinqondo zabaNcwele,Ubuyisa umisa yonke into.Ulwazi namandla kaThixo siphethe;Apha emhlabeni kuvulwa ’mehlo.
Siyakucula siyakuduma sithi,Hosanna, Hosanna kuThix’ neNkosi!Ma sibazukise basemazulwiniOngunaphakade; Amen ameni.
3. Inoyolo imini ingo nyamaNemvana zilale kwindawo enye.Abakwa Efrayim bamkelwe ’sithsaba;Kwinqwelo yomlilo uYesu ehle.