Page 44
Mhlawumbi Ayiyobakhona Entabeni
Mhlawumbi Ayiyobakhona Entabeni
1. Mhlawumbi ayiyobakhona;
Entabeni ’elwandle:
Okanye ’khona emfazweni;
’Nkosi ’fune ndimkhonze.
Kodwa ukuba andibize
Ngomoya o yincwele
Kwindawo entsha ndiyakuthi
“Ndi yaw’ya apho ucele.”
Ndiyaw’ya apho ucele Nkosi,
Entabeni naselwandle:
Ndibe yona oyifuna Nkosi,
Oyifune ndiyithethe.
2. Nokuba ikhona indawo
Ethobekile apha
Endingakhonza Yesu kuyo;
Yena owabethelwa.
Ngokumthembisa iNkos’ mpela
Ngo kuba undithanda:
Intando yakhe ndiyiyenze
“Ndibe yona o yifuna.”
Ndiyaw’ya apho ucele Nkosi,
Entabeni naselwandle:
Ndibe yona oyifuna Nkosi,
Oyifune ndiyithethe.